25 Ndabambana nawo, ndawatshabhisa, ndabetha amadoda kuwo, ndawadlathula iinwele, ndawafungisa uThixo ngokuthi, Inene, iintombi zenu aniyi kuzendisela koonyana babo, neentombi zabo aniyi kuzizekela oonyana benu, aniyi kuzizeka nani ngokwenu.
26 Wayengoné ngenxa yabo yini na uSolomon, ukumkani wamaSirayeli? Ezintlangeni ezininzi kwakungekho kumkani unjengaye: ubethandwa nguThixo wakhe, uThixo wamnika ukuba ngukumkani wamaSirayeli onke; naye lowo bamonisa abafazi bezinye iintlanga.
27 Makuvakale ngáni na, ukuba nenzé bonke obu bubi bukhulu, bokwenza ubumenemene kuThixo wethu, ngokuzeka abafazi bezinye iintlanga?
28 Ke kaloku koonyana bakaYoyada, unyana kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu, bekukho kubo ongumyeni kwaSanebhalati waseHoron; ndamgxotha ke kum.
29 Bákhumbule, Thixo wam, ngenxa yokuhlambela kwabo ububingeleli, nomnqophiso wobubingeleli, nowobuLevi.
30 Ndawahlambuluka ke ezintweni zonke zezinye iintlanga, ndazimisa izigxina zababingeleli nezabaLevi, zomntu ngomntu emsebenzini wakhe,
31 nezomsondezo weenkuni ngamaxesha amisiweyo, nezeentlahlela.Ndíkhumbulele okulungileyo, Thixo wam.