6 Wathi ukumkani kum (ukumkanikazi ehleli ngasecaleni lakhe), Uhambo lwakho loba lolwexesha elingakanani na? Wòbuya nini na? Kwalunga ke kukumkani ukundithuma, ndakuba ndimmisele ixesha.
7 Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe incwadi eya kumabamba aphesheya koMlambo,* andiyeke ndidlule ndide ndiye kufika kwaYuda;
8 nencwadi eya kuAsafu, umgcini wehlathi lokumkani, ukuba andinike imithi yemiqadi yamasango enqaba elunge kwindlu, neyodonga lomzi, neyendlu endiya kuhlala kuyo.Wandinika ke ukumkani ngokwesandla sikaThixo esilungileyo esiphezu kwam.
9 Ndafika kumabamba anganeno koMlambo, ndawanika iincwadi zokumkani. Ke kaloku ukumkani ubendikhuphele nam abathetheli bempi, nabamahashe.
10 Bathi ke ooSanebhalati waseHoron, noTobhiya umkhonzi, umAmon, bakuyiva loo nto, kwaba kubi kubo ngobubi obukhulu, ukuba kufike umntu ofuna ukuba kulunge koonyana bakaSirayeli.
11 Ndafika ke eYerusalem, ndaba neentsuku zantathu khona.
12 Ndesuka ebusuku, mna ndinamadoda ambalwa. Àndixelelanga mntu into abeyingenise entliziyweni yam uThixo wam, ukuba ndiyenzele iYerusalem. Ndibe ndingenamaqegu, ibilelo lodwa bendikhwele kulo.