13 Isango lomfula lalilungiswa nguHanun nabemi baseZanowa; bona balakha, bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo, newaka leekubhite* eludongeni, kwada kwesa esangweni lezàla.
14 Isango lezàla lalilungiswa nguMalekiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili seBhete-kerem; walakha, wazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
15 Isango lomthombo lalilungiswa nguShalum unyana kaKoli-hoze, umphathi wesithili saseMizpa; yena walakha, walifulela, wazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo; walulungisa nodonga lwechibi leSilowa ngasemyezweni wokumkani; kwesa ezinyukweni zokuhla, kuvelwa emzini kaDavide.
16 Emva kwakhe kwakulungiswa nguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umphathi wesiqingatha sesithili seBhete-tsure, kwesa malunga namangcwaba kaDavide, kwesa echibini elibe lenziwe, kwesa nasendlwini yamagorha.
17 Emva kwakhe kwakulungiswa ngabaLevi bakaRehum, unyana kaBhani; ngakuye kulungiswa nguHashabhiya, umphathi wesiqingatha sesithili seKehila, esithilini sakhe.
18 Emva kwakhe kwakulungiswa ngabazalwana babo, uBhawayi unyana kaHenadade, umphathi wesinye isiqingatha sesithili seKehila.
19 Ngakuye kwakulungiswa nguEzere unyana kaYeshuwa, umphathi weMizpa, esinye isithuba, malunga nendawo enyukayo ngasendlwini yezikrweqe ekujikeni.