7 Ndafuna iqhinga entliziyweni yam, ndabambana nabanumzana nabaphathi, ndathi kubo, Niyadlana ngokuboleka. Ndabamisela ibandla elikhulu, ndathi kubo,
8 Thina, ngangoko sinako, sibathengile sabakhulula abazalwana bethu amaYuda, ebe kuthengiswe ngabo kwiintlanga. Niya kusuka ke nina nithengise na ngabazalwana benu, ukuze bathengise ngeziqu zabo kuthi?Bathi cwaka, àbafumana lizwi lakuphendula.
9 Ndathi, Ayilungile le nto niyenzayo; nibe ningafanele na ukuhamba ekoyikeni uThixo wethu, ngenxa yokungcikiva kweentlanga eziziintshaba zethu?
10 Kananjalo mna, abazalwana bam, namadodana akwam, sibaboleké imali nengqolowa; makhe sikuyeke oku kuboleka ngokubambisa.
11 Khanibabuyisele kwanamhlanje amasimi abo, nezidiliya zabo, nezinquma zabo, nezindlu zabo; nesekhulu isahlulo semali, nesengqolowa, nesewayini entsha, neseoli, eniyibize kubo iyinzuzo.
12 Bathi, Siya kusibuyisa, singabizi nto kubo; siya kwenza njengoko utshoyo. Ndabiza ababingeleli, ndabafungisa ukuba benze ngokwelo lizwi.
13 Kananjalo ndavuthulula isondo lengubo yam, ndathi, UThixo makenjenje ukubavuthulula ezindlwini zabo, nasekuxelengeni kwabo, bonke abantu abangayi kulimisa elo lizwi; mabenjiwe nje ukuvuthululwa, balambathe. Lathi lonke ibandla, Amen; bamdumisa uYehova. Benza ke abantu ngokwelo lizwi.