6 UEzra wambonga uYehova, uThixo omkhulu. Baphendula bonke abantu, bathi, Amen, amen, bephakamisa izandla zabo. Bathoba, baqubuda kuYehova, bebhekise ubuso babo emhlabeni.
7 OoYeshuwa, noBhani noSherebhiya, noYamin, noAkubhi, noShabhetayi, noHodiya, noMahaseya, noKelita, noAzariya, noYozabhadi, noHanan, noPelaya, nabaLevi, babaqondisa abantu umyalelo, abantu bemi ezindaweni zabo.
8 Balesa encwadini, emyalelweni kaThixo, ngokucacileyo, beqononondisa; bakúqonda ke ukulesa oku.
9 Wathi uNehemiya oyirhuluneli, noEzra umbingeleli, umbhali, nabaLevi abazondisa abantu, ebantwini bonke, Le mini ingcwele kuYehova uThixo wethu; musani ukwenza isijwili, musani ukulila. Ngokuba babelila bonke abantu, bakuweva amazwi omyalelo lowo.
10 Wathi kubo, Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.
11 NabaLevi babebathuthuzela abantu bonke, besithi, Yithini tu; ngokuba le mini ingcwele; musani ukuba buhlungu.
12 Besuka bonke abantu, baya kudla, basela, bathuma izabelo, bavuya kakhulu; ngokuba bawaqonda amazwi ababewaxelelwa.