17 Àbavuma ukuva, àbayikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo, owayenzayo kubo. Bazenza lukhuni iintamo zabo, bamisa iintloko, ukuba babuyele ebukhobokeni babo ngeenkani zabo; wena wathi, kuba ùnguThixo wokuxolela, ubabala, unemfesane, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba, àkwabashiya.
18 Noko ke bazenzela ithole elingumfanekiso otyhidiweyo, bathi, Nguye lo uThixo wakho owakunyusayo eYiputa; bakugiba kakhulu.
19 Ke wena, ngeemfesane zakho ezinkulu, akubashiyanga entlango; umqulu welifu wokubakhokela ngendlela awumkanga kubo emini, nomqulu womlilo ebusuku wokubakhanyisela indlela abahamba ngayo.
20 Wabanika umoya wakho olungileyo, ukuba ubaqononondise; akuwuvimbanga umlomo wabo imana* yakho, wabanika amanzi ngenxa yenxano labo.
21 Iminyaka emashumi mané wabafunzela entlango, àbaswela nto; iingubo zabo azonakalanga bubudala, iinyawo zabo azidumbanga.
22 Wabanika izikumkani nezizwe, wabahlulahlula ngokwemida yabo; balihlutha ilizwe lakwaSihon, ilizwe lokumkani waseHeshbhon, kwanelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan.
23 Wabandisa oonyana babo njengeenkwenkwezi zezulu; wabazìsa kwelo zwe, wàthi kooyise mabaze balihluthe.