6 Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento yonke ephezu kwawo, iilwandle neento zonke ezikhona, uzidilisa ubomi zonke ezo zinto; umkhosi wamazulu uqubuda kuwe.
7 Wena unguYehova, uThixo owanyula uAbram, wamkhupha eUre yamaKaledi, wamthiya igama elinguAbraham.
8 Wayifumana intliziyo yakhe inyanisekile phambi kwakho, wenza naye umnqophiso wokulinika ilizwe lamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaYebhusi, namaGirgashi, wokulinika imbewu yakhe; wawamisa ke amazwi akho, ngokuba ùlilungisa.
9 Wazibona iintsizi zoobawo eYiputa, wakúva ukukhala kwabo eLwandle oluBomvu;*
10 wenza imiqondiso nezimanga kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakubantu bonke belizwe lakhe, ngokuba ubusazi ukuba baye bebakhukhumalele; wazenzela igama njengoko kunjalo nanamhla.
11 Walwahlula ulwandle phambi kwabo; bawela elwandle komile, abasukeli babo wabazulumbela ezinzulwini njengelitye emanzini anamandla.
12 Wabakhokela ngomqulu welifu emini, nangomqulu womlilo ebusuku, ukuba ubakhanyisele indlela ababehamba ngayo.