1 UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi,Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni,Wandiphendula;
2 Ndazibika ndisesiswini selabafileyo,Waliva wena ilizwi lam.
3 Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle,Umlambo waba ngeenxa zonke kum;Adlula phezu kwam onke amaza akho alwayo, namaza akho agugumayo.
4 Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho;Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele.
5 Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni;Andijikeleza amanzi enzonzobila;Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam.
6 Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba;Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade;Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam.
7 Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova;Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.