1 Kutimoti 2 XHO75

Imigqaliselo ngonqulo lwabantu bonke

1 Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke;

2 ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.

3 Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo;

4 onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.

5 Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu,

6 lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo;

7 endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile* (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.

8 Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.

9 Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile,* nesambatho esixabiso likhulu;

10 mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo.

11 Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke.

12 Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole.

13 Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva.

14 Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni.

15 Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6