1 Kutimoti 4 XHO75

Ukulunyukiswa ngabafundisi abalahlekisayo

1 Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;

2 imka nohanahaniso lwabathetha ubuxoki, betshiswe isazela sabo ngentsimbi;

3 bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezadalwa nguThixo, ukuze zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.

4 Ngokuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo;

5 kuba singcwaliswa ngalo ilizwi likaThixo nangezibongozo.

6 Ukuba ùthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, wòba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo.

7 Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zimangale.

8 Ziqhelise ukuhlonela uThixo. Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.

9 Lithembekile ilizwi elo, lífanelwe kukwamkelwa konke.

10 Kuba sibulalekela, singcikivelwe oko; ngokuba sithembele kuThixo ophilileyo, onguMsindisi wabantu bonke, ngokukodwa owabakholwayo.

Ubomi bukaTimoti neemfundiso zakhe

11 Bathethele ezi zinto, ufundise zona.

12 Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.

13 Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike.

14 Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu.

15 Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.

16 Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6