1 Lithembekile ilizwi eli lithi, Ukuba ubani ungxamele ubuveleli, unqwenela umsebenzi omhle.
2 Umveleli ngoko umelwe kukuthi abe ngongenakukhalazelwa, eyindoda yamfazi mnye, eyingcathu, enesidima, ezibekile, ebuka iindwendwe, enokufundisa;
3 engàgeziswa yiwayini, engembethi, engemngxameli wanzuzo imbi. Makabe ngothantamisayo, engalwi, engemthandi wamali;
4 eyongamele kakuhle eyakhe indlu, abantwana bakhe bemthobele, benokundileka konke
5 (kuba ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?);