5 (kuba ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?);
6 angabi ngosandula ukungeniswa, ukuze angàthiwa lwale likratshi, eyele ekugwetyweni koMtyholi.
7 Kanjalo ke umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle, ukuze angeyeli engcikivweni nasesibatheni soMtyholi.
8 Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi;
9 mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo.
10 Nabo aba ke mabacikidwe ukuqala; bandule ke ukulungiselela, bengabangénakumangaleleka.
11 Kwangokunjalo abafazi bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ngabahlebi; mababe ziingcathu, bathembeke ezintweni zonke.