8 Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi;
9 mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo.
10 Nabo aba ke mabacikidwe ukuqala; bandule ke ukulungiselela, bengabangénakumangaleleka.
11 Kwangokunjalo abafazi bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ngabahlebi; mababe ziingcathu, bathembeke ezintweni zonke.
12 Abalungiseleli mababe ngamadoda abafazi ngabanye, besongamela kakuhle abantwana nezindlu ezizezabo.
13 Kuba abo balungiselele kakuhle, bazizuzela isimo esihle, nokungafihlisi okukhulu ekukholweni, okukuKristu Yesu.
14 Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya.