2 Lawo ke ankosi zikholiweyo, makangazideli ngakuba zingabazalwana; makube kukhona azikhonzayo, ngokuba zingamakholwa, ziziintánda ezingamadlelana ngomsebenzi wokusiza. Bafundise ezi zinto, ubavuselele.
3 Ukuba umntu ufundisa mfundiso yimbi, angavumani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, nemfundiso engokokuhlonela uThixo:
4 úthiwe lwale likratshi, engazi lutho kakuhle; ufa kukukhanuka iimbuzwano namaphike amazwi, ekuthi kwezo nto kuphume umona, iinkani, izinyeliso,
5 izirhano ezingendawo, iimpikiswano zochuku lwabantu abonákele iingqiqo, abahluthwe inyaniso, beba ukuhlonela uThixo kukusekeleza inzuzo.
6 Ke kona ukuhlonela uThixo, kúndawonye nokwanela, kusekelezé inzuzo enkulu.
7 Kuba sibe singangénanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto.
8 Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto.