11 Kude kwaleli lixa langoku silamba, sinxanwa, sihamba zé, sintlithwa, singenasikhundla, sibulaleka,
12 sisebenza ngezethu izandla; sithi, sitshabhiswa, sibe sisikelela; sithi sitshutshiwa, sibe sinyamezela;
13 sithi sinyeliswa, sibe siyala; sixeliswa inkunkuma yehlabathi, inkuthu yezinto zonke, kude kube ngoku.
14 Ezo nto andizibhaleli ukuba nidane; ndiyaniluleka njengabantwana bam abathandekayo.
15 Kuba ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, àbabaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo.
16 Ndiyaniyala ngoko, yibani ngabaxelisa mna.
17 Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintánda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla.