1 Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhawuleze, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni;
2 nokuba sihlangùlwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke.
3 Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo.
4 Sikholosé ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza.
5 Yanga ke iNkosi ingáthi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, naselunyamezelweni lukaKristu.
6 Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkeláyo kuthi.