2 Kwabasetesalonika 2 XHO75

Izimvo eziphazamisayo ngokuza kweNkosi

1 Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ngenxa yokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu, nokuhlanganiselwa kwethu kuyo,

2 ukuba ningazanyazanyiswa kwakamsinya, nahlukane nengqiqo; ukuba ningabi navuso ngamoya, ngalizwi, ngancwadi ingáthi, ivela kuthi, ngokungáthi iselingene imini leyo kaKristu.

3 Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesono, unyana wotshabalalo;

4 lowo uchasayo, uziphakamisayo ngaphezu kwento yonke ekuthiwa nguThixo, nehlonelwayo, ngokokude azihlalise etempileni kaThixo, ezenza uThixo, ezibonisa ukuba unguThixo.

5 Ànikhumbuli na, ukuba oko bendisekuni ndanixelela ezi zinto?

6 Nangoku niyakwazi okubambezelayo, ukuze atyhileke ngelakhe ixesha.

7 Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza; kodwa kulindwe ukuba ade lowo ubambezelayo ngoku asuswe kanye.

8 Andule ukutyhileka ongenamthetho; lowo iya kumtshisa iNkosi ngomoya womlomo wayo, imbangise ngokubonakala kokufika kwayo:

9 kwalowo, úkufika kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla,

10 nemiqondiso, nezimanga zobuxoki, nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe.

11 Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki;

12 ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, básuka bakholiswa kuko ukungalungisi.

Omnye umbuliso nombulelo

13 Ke thina simelwe kukuhlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu, bazalwana bathandiweyo yiNkosi, ukuba uThixo kwasekuqalekeni waninyulela ukusindiswa, ngokungcwalisa koMoya nokukholwa yinyaniso;

14 awanibizela kuko oko ngazo iindaba ezilungileyo zethu, ukuba nizuze uzuko lweNkosi yethu uYesu Kristu.

15 Ngoko ke, bazalwana, yimani, nizibambe izithethe enazifundiswayo, nokuba kungelizwi, nokuba kungencwadi yethu.

16 Ke kaloku, iNkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo, noThixo uBawo wethu owasithandayo, wasinika intuthuzelo engunaphakade, nethemba elilungileyo ngobabalo,

17 wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu, anizimase kuwo onke amazwi nemisebenzi elungileyo.

kwizahluko

1 2 3