1 Musani ukuba ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam, nisazi nje ukuba siya kwamkela olona lukhulu ugwebo.
2 Kuba siyakhubeka kaninzi sonke.Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, enako ukuwubamba ngomkhala nawo umzimba uphela.
3 Yabona, sifaka imikhala emilonyeni yamahashe, ukuba asithambele, siwajike umzimba wawo uphela.
4 Yabona, nayo imikhombe, ímikhulu kangaka nje, íqhutywa nje yimimoya enamandla, ijikwa ngomthi wokujika omncinanana, iye apho sukuba umlawuli angxamele ukuba ingaya ngakhona.
5 Ngokunjalo nalo ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu.Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu.