6 ase emaphakadeni asemaphakadeni, owadala izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle nezinto ezikulo, ukuthi, Akuyi kuba sabakho xesha.
7 Ke ngemihla yezwi lesesixhenxe isithunywa sezulu, xa sukuba siza kuvuthela ixilongo, iya kuzaliseka imfihlakalo kaThixo, njengoko wazishumayelayo iindaba ezilungileyo kwabangabakhe abakhonzi, abaprofeti.
8 Lathi izwi endalivayo liphuma emazulwini, labuya lathetha nam, lisithi, Hamba uye uyithabathe incwadana evulekileyo, esesandleni sesithunywa esimiyo phezu kolwandle naphezu komhlaba.
9 Ndesuka ke ndaya kwisithunywa eso, ndathi kuso, Ndinike incwadana leyo. Sathi kum, Yithabathe, uyidle uyigqibe; yosenza sibe krakra isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho yoba nencasa enjengeyobusi.
10 Ndayithabatha ke incwadana esesandleni sesithunywa eso, ndayidla ndayigqiba; yaye emlonyeni wam inencasa enjengeyobusi; xa ndayidlayo, saba krakra isisu sam.
11 Sathi kum, Umele ukuba ubuye uprofete ngabantu, neentlanga, neelwimi, nookumkani, abaninzi.