Isityhilelo 5 XHO75

Umbono weMvana kaThixo

1 Ndabona, esandleni sokunene salowo uhleli etroneni, incwadi ibhalwe ngaphakathi nangaphandle, itywinwe ngamatywina asixhenxe.

2 Ndabona isithunywa sezulu esomeleleyo, sivakalisa ngezwi elikhulu, sisithi, Ngubani na ofanele ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo?

3 Akabakho namnye ezulwini, naphezu komhlaba, nangaphantsi komhlaba, unako ukuyivula incwadi, nokuyikhangela oku.

4 Ndandilila kakhulu mna, ngokuba kungafunyanwanga namnye ufanele ukuyivula nokuyilesa incwadi, nokuyikhangela oku.

5 Yathi enye indoda enkulu kum, Musa ukulila; yabona, iNgonyama yesizwe sakwaYuda, iNgcambu kaDavide, ikweyisile ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo asixhenxe.

6 Ndabona, nantso, esazulwini setrone nesezinto eziphilileyo zone, nasesazulwini samadoda amakhulu, iMvana engathi ixheliwe, imi ineempondo ezisixhenxe, namehlo asixhenxe angooMoya bosixhenxe bakaThixo, abathunyelwe emhlabeni wonke.

7 Yeza, yayithabatha incwadi esandleni sokunene salowo uhleli etroneni.

8 Yathi yakuyithabatha incwadi, izinto eziphilileyo zoné, namadoda amakhulu angamashumi mabini anamané, awa phambi kweMvana, iyileyo inohadi, nengqayi yegolide izele ziziqhumiso, eziyiyo imithandazo yabangcwele.

9 Avuma ingoma entsha, esithi:Ùfanele ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo;Ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho,Síphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga;

10 Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu;Sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba.

11 Ndabona, ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenzé isangqa etroneni, nezinto eziphilileyo, nawo amadoda amakhulu: laye inani lawo lizizigidi zezigidi;

12 besithi ngezwi elikhulu:Kuyifanele iMvana eyaxhelwayo ukwamkela amandla,Nobutyebi, nobulumko, nokomelela, nembeko, nozuko, nokubongwa.

13 Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi:Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla,Kuse emaphakadeni asemaphakadeni.

14 Izinto eziphilileyo zoné zathi, Amen. Aza amadoda amakhulu aqubuda.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22