Isityhilelo 3 XHO75

Incwadi kwibandla laseSardesi

1 Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi:Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, nazo iinkwenkwezi ezisixhenxe, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile.

2 Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo.

3 Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva ugcíne, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo.

4 Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile.

5 Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.

6 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

Incwadi kwibandla laseFiladelfi

7 Isithunywa sebandla eliseFiladelfi, sibhalele uthi:Utsho oyiNgcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide; lowo uvulayo kungavali namnye, avale kungavuli namnye, ukuthi:

8 Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba ùthe, únamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.

9 Yabona, ndinika abesikhungu sikaSathana,* abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile.

10 Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.

11 Yabona, ndiza kamsinya: kúbambe ukuqinise onako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho.

12 Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam. Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha.

13 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

Incwadi kwibandla laseLawodike

14 Isithunywa sebandla eliseLawodike, sibhalele uthi:Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo, ukuthi:

15 Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu.

16 Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.

17 Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba zé;

18 ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evutshiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuzé bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone.

19 Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.

20 Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba úthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.

21 Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisáyo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.

22 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22