9 Abakubo abantu, nezizwe, neelwimi, neentlanga, baya kuzibona izidumbu zawo imihla emithathu enesiqingatha somhla, bangavumi ukuba izidumbu zawo zibekwe emangcwabeni.
10 Abo bemiyo phezu komhlaba baya kuwavuyelela, babe nemihlali; bathumelane izipho; ngokuba abo baprofeti babini bábathuthumbisa abo bemiyo phezu komhlaba.
11 Emva kwemihla leyo mithathu inesiqingatha somhla, umoya wobomi ophume kuThixo wangena kuwo, ema ngeenyawo zawo; baza bawelwa luloyiko olukhulu abo bawabonayo.
12 Eva izwi elikhulu liphuma ezulwini, lisithi kuwo, Nyukelani apha! Enyuka, aya ezulwini esefini; zawabona iintshaba zawo.
13 Ngelo lixa kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu, isahlulo seshumi somzi sawa, kwabulawa kolo lunyikimo abantu abangamawaka asixhenxe; abo baseleyo bangenelwa luloyiko, bamzukisa uThixo wezulu.
14 Uyeha wesibini udlule; yabona uyeha wesithathu uyeza kamsinya.
15 Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi:Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu* wayo.Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni.