1 Ndaza ndema phezu kwentlabathi yolwandle.Ndabona kunyuka, kuphuma elwandle, irhamncwa, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, ezimpondweni zalo izizithsaba ezilishumi, kwiintloko zalo iligama lonyeliso.
2 Laye irhamncwa elo ndalibonayo lifana nengwe, iinyawo zalo zinjengezebhere,* umlomo walo unjengomlomo wengonyama. Inamba yalinika amandla ayo, netrone yayo, negunya elikhulu.
3 Ndabona enye yazo iintloko zalo, ingathi ixatyelwe yafa; inxeba lalo elibanga ukufa laphiliswa. Wamangaliswa umhlaba uphela, walilandela irhamncwa elo.
4 Bayinqula inamba eyalinika igunya irhamncwa, balinqula irhamncwa, besithi, Ngubani na ofana nerhamncwa elo? ngubani na onako ukulwa nalo?