14 libalahlekise abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa elo; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, mabalenzele umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila.
15 Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa.
16 Lenza bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe lilo esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini abo;
17 nokuze kungabikho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo.
18 Nabu ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa; kuba linani lomntu; inani lalo ke lingamakhulu omathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.