3 Ndabona enye yazo iintloko zalo, ingathi ixatyelwe yafa; inxeba lalo elibanga ukufa laphiliswa. Wamangaliswa umhlaba uphela, walilandela irhamncwa elo.
4 Bayinqula inamba eyalinika igunya irhamncwa, balinqula irhamncwa, besithi, Ngubani na ofana nerhamncwa elo? ngubani na onako ukulwa nalo?
5 Lanikwa umlomo othetha izinto ezinkulu, nezinyeliso; kanjalo lanikwa igunya lokulwa iinyanga ezimashumi mané anesibini.
6 Lawuvulela umlomo walo ekumnyeliseni uThixo, ukuba lilinyelise igama lakhe, nomnquba wakhe, nabo bahleli emazulwini.
7 Lanikwa igunya lokulwa nabangcwele, libeyise; lanikwa igunya kuzo zonke izizwe, neelwimi, neentlanga.
8 Baya kulinqula bonke abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhalwanga encwadini yobomi yayo iMvana, exheliweyo kususela ekusekweni kwehlabathi.
9 Ukuba ubani unendlebe, makeve.