1 Ndabona, nantso iMvana imi phezu kwentaba yeZiyon, kumi nayo ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, benalo igama loYise libhaliwe emabunzini abo.
2 Ndeva izwi liphuma ezulwini, lingathi sisandi samanzi amaninzi, lingathi sisandi sendudumo enkulu. Ndeva nezwi lababethi beehadi, bebetha iihadi zabo;
3 bevuma ingoma engathi intsha, phambi kwetrone, naphambi kwezinto eziphilileyo zoné, namadoda amakhulu; kwaye kungekho namnye unako ukuyifunda ingoma leyo, lingelilo ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, ababethengiwe emhlabeni.
4 Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi, kuba benyulu. Aba ngabo bayilandelàyo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba báthengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.
5 Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.