2 Ndeva izwi liphuma ezulwini, lingathi sisandi samanzi amaninzi, lingathi sisandi sendudumo enkulu. Ndeva nezwi lababethi beehadi, bebetha iihadi zabo;
3 bevuma ingoma engathi intsha, phambi kwetrone, naphambi kwezinto eziphilileyo zoné, namadoda amakhulu; kwaye kungekho namnye unako ukuyifunda ingoma leyo, lingelilo ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, ababethengiwe emhlabeni.
4 Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi, kuba benyulu. Aba ngabo bayilandelàyo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba báthengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.
5 Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.
6 Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu;
7 sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.
8 Kwaza kwalandela esinye isithunywa sezulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli, loo mzi mkhulu! ngokuba isezé zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo.