4 Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi, kuba benyulu. Aba ngabo bayilandelàyo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba báthengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.
5 Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.
6 Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu;
7 sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.
8 Kwaza kwalandela esinye isithunywa sezulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli, loo mzi mkhulu! ngokuba isezé zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo.
9 Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe:
10 yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana.