2 Ndabona ngathi lulwandle lwegilasi, luphithikezene nomlilo; nabó bavela beloyisile irhamncwa, nomfanekiselo walo, nophawu lwalo, nenani legama lalo, bemi ngaselwandle lwegilasi, beneehadi zikaThixo.
3 Bayivuma ingoma kaMoses, umkhonzi kaThixo, nengoma yeMvana, besithi:Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho,Nkosi, Thixo Somandla;Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho,Kumkani weentlanga.
4 Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi,Angalizukisi igama lakho?Ngokuba inguwe wedwa ongcwele;Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho,Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.
5 Ndaza emva koko ndabona, nantso ivuliwe itempile yomnquba wobungqina emazulwini.
6 Zaphuma ke etempileni izithunywa zosixhenxe, zinezibetho ezisixhenxe, zambethe ilinen emhlophe eqaqambileyo, ziyibhinqele ezifubeni imibhinqo yegolide.
7 Yathi enye kuzo izinto eziphilileyo zoné, yazinika izithunywa ezisixhenxe iingqayi zegolide ezisixhenxe, zizele ngumsindo kaThixo, odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
8 Yazala itempile ngumsi ophuma ebuqaqawulini bukaThixo, nasemandleni akhe; kwaye kungekho namnye unako ukungena etempileni, zada zazaliseka izibetho zosixhenxe zezithunywa zosixhenxe.