14 Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; àbaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.
15 Yabona, ndiza njengesela. Únoyolo lowo uphaphileyo, uzigcinayo iingubo zakhe, ukuze angahambi zé, balibone ihlazo lakhe.
16 Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.
17 Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu, livela etempileni yamazulu, livela etroneni, lisithi, Kwenzekile.
18 Kwabakho imibane, nezandi, neendudumo; kwabakho nonyikimo lomhlaba olukhulu, ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo ukuba lukhulu, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni.
19 Umzi omkhulu lowo waba zahlulo zithathu; yathi imizi yeentlanga yawa; iBhabheli enkulu yakhunjulwa emehlweni kaThixo, ukuba inikwe indebe yewayini yomsindo wengqumbo yakhe.
20 Into yonke eziziqithi yabaleka, neentaba azafunyanwa.