3 Saza esesibini isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elwandle; lwaba ligazi elinjengelofileyo, yaza yonke imiphefumlo edla ubomi yafa elwandle.
4 Saza esesithathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emilanjeni nasemithonjeni yamanzi; yaba ligazi.
5 Ndeva isithunywa samanzi, sisithi:Ùnobulungisa, Nkosi, wena ukhoyo, wawukho, uyingcwele, ngokuba ugwebile wenjenje;
6 Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti;Wabanika igazi ukuba balisele, ngokuba belifanele.
7 Ndeva esinye siphuma esibingelelweni, sisithi:Ewe, Nkosi, Thixo Somandla,Iyinyaniso, inobulungisa imigwebo yakho.
8 Saza esesiné isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elangeni; sanikwa igunya lokutshisa abantu ngomlilo.
9 Batsha abantu bubushushu obukhulu; balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; àbaguquka bamzukise.