4 Yaye inkazana leyo ithiwe wambu ngengubo ebomvu nemfusa, ihonjiswe ngegolide, nelitye elinqabileyo, neeperile,* inendebe yegolide esandleni sayo, izele ngamasikizi nezingcoliso zobuhenyu bayo.
5 Ebunzi kubhalwe igama elithi, IMFIHLELO, IBHABHELI ENKULU, UNINA WAMAHENYUKAZI NOWAMASIKIZI OMHLABA.
6 Ndayibona inkazana leyo inxila ligazi labangcwele, naligazi lamangqina kaYesu. Ndamangaliswa ngokumangaliswa okukhulu ndakuyibona.
7 Sathi kum isithunywa sezulu, Umangaliswe yini na? Ndokuxelela mna imfihlelo yenkazana le, neyerhamncwa eli liyithweleyo, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.
8 Irhamncwa owalibonayo laye likho, alikho; liza kunyuka liphume enzonzobileni, limke liye entshabalalweni. Baya kumangaliswa abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angàbhaliweyo encwadini yobomi kuseloko kwaba sekusekweni kwehlabathi, belibona nje irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, likho noko.
9 Nantsi ingqiqo enobulumko. Iintloko ezisixhenxe ezi ziintaba ezisixhenxe, ehleli phezu kwazo inkazana leyo.
10 Kananjalo zona zingookumkani abasixhenxe. Abahlanu báwa, omnye ukho, omnye akakafiki; xa athe wafika, umelwe kukuhlala umzuzwana.