9 Nantsi ingqiqo enobulumko. Iintloko ezisixhenxe ezi ziintaba ezisixhenxe, ehleli phezu kwazo inkazana leyo.
10 Kananjalo zona zingookumkani abasixhenxe. Abahlanu báwa, omnye ukho, omnye akakafiki; xa athe wafika, umelwe kukuhlala umzuzwana.
11 Irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, lona lingowesibhozo okwangowabasixhenxe;
12 umka aye entshabalalweni. Iimpondo ezilishumi owazibonayo zingookumkani abalishumi, bona abo bangekamkeli bukumkani, basuka bamkele, njengookumkani, igunya lelixa elinye kunye nerhamncwa.
13 Aba banasicamango sinye, babeya kunikela amandla negunya labo kulo irhamncwa.
14 Aba baya kwenza imfazwe neMvana. IMvana iya kubeyisa, ngokuba inguNkosi kankosi, inguKumkani kakumkani; baya kweyisa nabo banayo, babiziweyo, banyuliweyo, bathembekileyo.
15 Sithi kum, Amanzi owawabonayo, apho lihleli khona ihenyukazi, ngabantu, nezihlwele, neentlanga, neelwimi;