1 Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli baso.
2 Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi:Iwile, iwile iBhabheli enkulu,Yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo,Nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo.
3 Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo,Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo,Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo.
4 Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi:Phumani kuyo, bantu bam,Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo,Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.
5 Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini,Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.