5 Haleluya! Kwaphuma izwi etroneni, lisithi:Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina bakhonzi bakhe,Nani bamoyikayo, abancinane kwanabakhulu.
6 Ndeva sanga sisandi sesihlwele esikhulu, sanga sisandi samanzi amaninzi, sanga sisandi seendudumo ezinkulu, sisithi:Haleluya!Ngokuba iNkosi uThixo uSomandla inguKumkani.
7 Masivuye sigcobe, siyizukise;Ngokuba ufikile umsitho weMvana,Umfazi wayo uzilungisile.
8 Wanikwa ukuba athiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, emhlophe, eqaqambileyo; kuba ilinen ecikizekileyo yimisebenzi yobulungisa yabangcwele.
9 Sithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abo bamenyelwe esidlweni somsitho weMvana. Sithi kum, Lawo ngamazwi ayinyaniso kaThixo.
10 Ndawa ezinyaweni zaso, ukuba ndiqubude kuso. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abanobungqina bukaYesu; qubuda kuThixo; kuba ubungqina bukaYesu bungumoya wesiprofeto.
11 Ndalibona izulu livulekile, nalo ihashe elimhlophe; lowo uhleli phezu kwalo kusithiwa, nguThembekile, nguNyaniso; ugweba, enze imfazwe, ngobulungisa.