1 Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi:Utsho lowo uzibambileyo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesokunene sakhe, lowo uhambayo phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, ukuthi:
2 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile,* bengengabo, wabafumana bengamaxoki.
3 Ùthwele, unomonde; uthe ngenxa yegama lam wabulaleka, akwadinwa.
4 Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo.
5 Khumbula ngoko apho uwé usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke.
6 Kodwa ùnale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.