22 Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo;
23 nabantwana bakhe ndibabulale ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndininike elowo ngokwemisebenzi yenu.
24 Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenáyo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshoyo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi.
25 Noko ke oko ninako kubambeni nikuqinise, ndide ndifike.
26 Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga.
27 Uya kuzalúsa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo;
28 ndiya kumnika ikhwezi lokusa.