6 Kodwa ùnale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.
7 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi* kaThixo.
8 Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi:Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi:
9 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana.
10 Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.
11 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini.
12 Isithunywa sebandla elisePergamo, sibhalele uthi:Utsho lowo unalo ikrele elintlangothi mbini, elibukhali, ukuthi: