3 Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane.
4 Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; bádla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.
5 Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka.
6 Olo lúvuko lokuqala. Únoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.
7 Xa ithe yazaliseka iminyaka eliwaka, uSathana wokhululwa entolongweni yakhe;
8 aphume, aye kuzilahlekisa iintlanga ezisezimbombeni eziné zehlabathi, uGogi noMagogi, ukubahlanganisela emfazweni, ábanani labo lingangentlabathi yaselwandle.
9 Banyuka, baya kububanzi behlabathi, bayirhawula inqaba yomkhosi wabangcwele, nomzi othandiweyo; kwehla umlilo uvela kuThixo, uphuma ezulwini, wabadla wabagqiba.