1 Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho.
2 Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe.
3 Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi:Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu;Uya kuhlala nabo emnqubeni,Bona babe ngabantu bakhe,Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo;
4 Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo,Kungabi sabakho kufa,Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu;Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
5 Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Ùyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.
6 Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa* no-Omega,* isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa.
7 Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.