13 ngasempumalanga ingamasango mathathu, ngasentla ingamasango mathathu, ngasezantsi ingamasango mathathu, ngasentshonalanga ingamasango mathathu.
14 Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile* abalishumi elinababini bayo iMvana.
15 Lowo ubethetha nam wayenengcongolo yegolide, ukuba awulinganise umzi lowo, namasango awo, nodonga lwawo.
16 Umzi lowo umbombo-né ukuma kwawo; ubude bawo bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya* ezilishumi linazibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana.
17 Walulinganisa nodonga lwawo, ikhulu elinamanci mané anesiné leekubhite,* ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, wesithunywa sezulu.
18 Isakhiwo sodonga lwawo yiyaspisi; umzi yigolide engcwengekileyo, efana negilasi ebonakalelayo,
19 Namatye eziseko zodonga lomzi ayevathiswe ngamatye onke anqabileyo. Elokuqala ilitye lesiseko yiyaspisi, elesibini yisafire,* elesithathu yikalikedo,* elesiné yismarado,* elesihlanu yisardonisi,*