17 Walulinganisa nodonga lwawo, ikhulu elinamanci mané anesiné leekubhite,* ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, wesithunywa sezulu.
18 Isakhiwo sodonga lwawo yiyaspisi; umzi yigolide engcwengekileyo, efana negilasi ebonakalelayo,
19 Namatye eziseko zodonga lomzi ayevathiswe ngamatye onke anqabileyo. Elokuqala ilitye lesiseko yiyaspisi, elesibini yisafire,* elesithathu yikalikedo,* elesiné yismarado,* elesihlanu yisardonisi,*
20 elesithandathu yisardiyo,* elesixhenxe yikrizolite,* elesibhozo yibherilo,* elesithoba yitopazi,* eleshumi yikrizoprazi,* eleshumi elinalinye yihakinto,* eleshumi elinambini yiametiste.*
21 Namasango lawo alishumi elinamabini aziiperile* ezilishumi elinambini, lalelo isango ngalinye lenziwe ngaperile-nye; nesitrato somzi yigolide engcwengekileyo, njengegilasi ebonakalelayo.
22 Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo.
23 Umzi lowo awufuni langa, kwanayo inyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisela, nayo iMvana isisibane sawo.