24 Iintlanga zabo basindiswáyo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo.
25 Amasango awo akasayi kuvalwa mini (kuba ubusuku abuyi kubakho khona).
26 Baya kuzisa uzuko nembeko yeentlanga ezo kuwo.
27 Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; ábaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.