35 Kwakusa, abathetheli bathuma amadindala, besithi, Bakhulule abo bantu.
36 Uwaxelile ke umgcini wababanjwa la mazwi kuPawulos, wathi, Abathetheli bathumele ukuba nikhululwe; ke ngoko phumani, nihambe ngoxolo.
37 Uthe ke uPawulos kuwo, Basityabule ekuhleni singagwetywanga, síbantu bangamaRoma; basiphosa entolongweni; ngoku basikhupha ngasese na? Nakanye; mabeze bona ngokwabo, basikhuphe.
38 Awaxela ke la mazwi amadindala kubathetheli; boyika, bakuva ukuba bangamaRoma.
39 Beza bababongoza, babakhupha, babacela ukuba baphume kuwo umzi.
40 Bephumile ke entolongweni, baya kungena kwaLidiya; bathi, bebabonile abazalwana, babayala, bemka.