22 Bamphulaphula ke, wada wafika kwelo lizwi, baza baphakamisa izwi labo besithi, Msuseni emhlabeni umntu onje; kuba akufanelekile ukuba adle ubomi.
23 Ke kaloku, bakubon' ukuba bayankqangaza, belahla iingubo zabo, bephosa uthuli esibhakabhakeni,
24 wathi umthetheli-waka, makangeniswe enqabeni yomkhosi; wathi makancinwe ngekatsi, ukuze azi ukuba kungathuba lini na ukuba benjenje ukunkqangaza ngaye.
25 Ke kaloku, xa bamolulayo ngeentambo, wathi uPawulos kumthethelikhulu obemi khona, Kuvumelekile na, ukuba nimtyakatye umntu ongumRoma, engagwetywanga nokugwetywa?
26 Evile ke umthetheli-khulu, waya wabika kumthetheli-waka, esithi, Yilumkele into oza kuyenza; kuba lo mntu ungumRoma.
27 Weza ke umthetheli-waka wathi kuye, Ndixelele, ungumRoma na?
28 Wathi ke yena, Ewe. Waphendula umthetheli-waka wathi, Mna ukungeniswa kwam kulo mzi waseRoma, ndakuzuza ngenani elikhulu. Wathi ke uPawulos. Ke mna ndizelwe ndínako.