Kufilemon 1 XHO75

Intshayelelo

1 UPawulos, umbanjwa kaKristu Yesu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon oyintanda, osebenzisana nathi,

2 noApiya isithandanekazi sethu, noArkipo umphumi-mkhosi nathi, nebandla elisendlwini yakho;

3 bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu.

Isicelo esenzelwa ikhoboka eliqhweshileyo

4 Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam,

5 ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele,

6 ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, kuse kuKristu Yesu.

7 Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana.

8 Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo,

9 noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndíngonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.

10 Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;

11 obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle. Lowo ndimbuyisele kuwe;

12 wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam;

13 ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndísezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;

14 kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma.

15 Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade;

16 engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?

17 Ngoko ke, ukuba ùnobudlelane nam, mamkele njengam.

18 Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum.

19 Mna Pawulos ndikubhalé ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingàtshoyo kuwe ukuthi, kum ùnetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho.

20 Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.

21 Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba ùya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo.

Isiphelo

22 Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa.

23 Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu,

24 kwanoMarko, noAristarko, noDemasi, noLuka, abasebenzisana nam.

25 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu. Amen.

kwizahluko

1