Kumahebhere 1 XHO75

UKristu uNyana kaThixo uphakamile kunezithunywa zezulu

1 UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana;

2 awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;

3 othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;

4 ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.

5 Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso,ÙnguNyana wam wena,Mna ndikuzele namhla?(INdum. 2:7)Nokuthi,Mna ndiya kuba nguYise wakhe,Yena abe nguNyana wam?(USam. II 7:14)

6 Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.

7 Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi,Ulozenza izithunywa zakhe oomoya,Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;(INdum. 104:4)

8 kodwa ngaye yena uNyana uthi,Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni;Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.

9 Wathanda ubulungisa, wathiya okungendawo;Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambiseNgeoli yomgcobo ngaphezu kowenu.(INdum. 45:6,7)

10 Abuye athi,Ekuqalekeni, wena Nkosi, waliseka ihlabathi,Nalo izulu lingumsebenzi wezandla zakho;

11 Wona aya kutshabalala, ke wena uhlala uhleli;Aye onke njengengubo eya konakala,

12 Nanjengesambatho ùya kuwasonga,Asuke abe ngawambi;Ke wena ùkwanguwe,Nayo iminyaka yakho ayiyi kuphela.(INdum. 102:25-27)

13 Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso,Hlala ngasekunene kwam,Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?(INdum. 110:1)

14 Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13