Kumahebhere 6 XHO75

1 Endithi ngoko, masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singàbuyi siseke ngeloguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo,

2 ngelemfundiso yeembaptizo, neyokubekwa izandla, neyovuko lwabafileyo, neyogwebo olungunaphakade.

3 Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma.

4 Kuba abo bakha bakhanyiselwa, bàsiva isipho sasemazulwini, bàba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele,

5 bàyiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho,

6 bàza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhléni.

7 Kuba umhlaba lo, uyiselayo imvula eza futhi phezu kwawo, uvelise imifuno elungele bona abo ulinywa nokulinywa ngenxa yabo, wamkela intsikelelo kuThixo;

8 ke, othi uvelise imithana enameva neenkunzane, awunto yanto, ukufuphi nengqalekiso; esiphelo sisa ekutshisweni.

9 Ke ngáni nina, zintánda, sikholose ngelokuthi, nineendawo ezilungileyo kunezo, iindawo eziyelelene nosindiso, nakuba sisenjenje ukuthetha;

10 kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiseleláyo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela.

11 Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni, ukuze ningabi ngababuthuntu;

12 ke nibe ngabaxelisa abo bàthi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.

Amadinga kaThixo omeleza ithemba

13 Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena, esithi,

14 Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise.

15 Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga.

16 Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, síthi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni.

17 Uthe ngoko uThixo, enga angathi ngokukhona kugqithiseleyo akubonakalalise kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka walamla ngesifungo;

18 ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi thina, bàsindileyo, sàbamba ithemba elibekwe phambi kwethu, síbe novuselelo olunamandla;

19 ithemba ke esinalo ngokwaeankile* yomphefumlo, linqabile, likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo;

20 apho umanduleli uYesu wangena khona ngenxa yethu, ethe, ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu osa ephakadeni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13