Kumahebhere 8 XHO75

UKristu, uMlamleli womnqophiso omtsha ongunaphakade

1 Ke kaloku, eyona nto iyintloko kwezi zinto zithethwayo yile: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini,

2 ongumbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, àwamiswa ngumntu.

3 Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.

4 Kuba okunene, ukuba ebesemhlabeni, ubengayi kukha abe mbingeleli, bekho nje ababingeleli abayisondezayo iminikelo ngokomthetho:

5 bona bàthi bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzènze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.

6 Kodwa kungoku, úzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo.

7 Kuba, ukuba ubungenakusoleka lowo wokuqala, ubungayi kufunelwa ndawo owesibini.

8 Kuba uthi kubo, esola,Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi,Endiya kuzalisekisa phezu kwendlukaSirayeli, naphezu kwendlu kaYuda, umnqophiso omtsha;

9 Ungahambi ngokomnqophiso endawenzela ooyise,Mini ndababamba ngesandla, ukuba ndibakhuphe emhlabeni waseYiputa;Ngokuba bengahlalanga emnqophisweni wam bona,Ndaza nam àndabakhathalela; itsho iNkosi;

10 Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeliEmva kwaloo mihla, itsho iNkosi:Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo,Ndiyibhale ezintliziyweni zabo,Ndibe nguThixo kubo,Nabo babe ngabantu kum.

11 Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe,Elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi;Ngokuba baya kundazi bonke,Bethabathela komncinane wabo, base komkhulu wabo.

12 Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo,Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula.(UYer. 31:31-34)

13 Ngokuthi oku, Omtsha, uwaluphalisile owokuqala. Ke loo nto yalupheleyo, yalixhego, iseyisondele ekuthini shwaka.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13