6 Kuba kwabakuKristu Yesu àkunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.
7 Nibé nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?
8 Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.
9 Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.
10 Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.
11 Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? — singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.
12 Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.